6. Bethan' amaxilongo, kukhal' isigodlo,nenz' intshol' emnandi phambi koNdikhoyo ukumkani.
7. Gquma, wena lwandle, nako konk' okukuwe;nawe hlabathi, hlabel' ingoma!
8. Bethan' izandla, milambo;nani zinduli, mombelelen' uNdikhoyo!
9. Kuba uza kuligweb' ihlabathi,alawule konke ngobulungisa, engenamkhethe.