Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 90:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Usoloko ulikhaya lethu, wena Nkosi,izizukulwana ngezizukulwana.

2. Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

3. Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”

4. Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,lona liyafana nemini yezolo,lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

5. Uphephetheka njengephepha umntu;uphela okobuthongo, abune njengengca,

6. yona iba luhlaza kusasa,ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.

7. Siyaphela kaloku yingqumbo yakho,uyasigqiba umsindo wakho.

8. Izono zethu zaziwa nguwe,nezifihliweyo zisekuhleni kuwe.

9. Uyinqumle imihla yethu ngenxa yomsindo,yadlula ngathi kukuqhwanyaza.

10. Iminyaka yomntu iba ngamashum' asixhenxe,xa ngaba womelele ibe ngamashum' asibhozo;kodwa iza neenkxwaleko neentsizi,imihla yethu ithi tshe iphele.

11. Ngubani owaziyo umsindo wakho;ingubani oluqondayo unkwantyo oluza nengqumbo yakho?

12. Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,ukuze sizuze ubulumko.

13. Yiba nebuyambo, *Ndikhoyo;koda kube nini usifulathele?Yiba nenceba kuthi zicaka zakho.

14. Sithululele izibele zakho kwangentseni,size sonwabe, simemelele yonke imihla yobomi bethu.

15. Sithuthuzele kaloku wakuba usohlwayile;sonwabe kangangoko ubusibandezele.

16. Bubonakalise ububele bakho kuthi zicaka zakho,ukuze nesizukulwana sethu sisazi isihomo sakho.

17. Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 90