Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 9:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Uzikhalimele iintlanga,wabatshabalalisa abantw' abagwenxa,waliphanzisa kwaphela igama labo.

6. Iintshaba zethu zibhangile mpela,uzidilize didli izixeko zazo;sele zacimayo nasezingqondweni.

7. Kodwa uNdikhoyo uya kuhlal' elawula kude kube nini-nini;selengqendeve enkundleni yakhe, elungele ukugweba.

8. Ulilawula ngobulungisa elimiweyo;azigwebe kakuhle zonke iintlanga.

9. NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.

10. Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

11. Mbongeni uNdikhoyo ongqendeve ebhotwe eZiyon;zibhengezeni eluntwini izinto asenzele zona.

12. Uyaliphindezela igazi labacinezelweyo;akasilibali isikhalo sabo baselusizini.

13. Ndenzele inceba, Ndikhoyo;bona indlela abandiphethe ngayo abo bandithiyileyo,wena ondihlangula ethunzini lokufa.

14. Mandiluxele udumo lwakhophakathi kwabantu bakho eJerusalem.Ewe, ndinemincili ngenxa yokuba undihlangule.

15. Iintlanga zeyele kumhadi ebeziwembile,zabhajiswa sisabatha ebezisithiyile.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 9