Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 9:10-20 Ibhayibhile (XHO96)

10. Bathembele ngawe, Ndikhoyo, bonke abakwaziyo;kaloku akuzange ubafulathele abo bakufunayo.

11. Mbongeni uNdikhoyo ongqendeve ebhotwe eZiyon;zibhengezeni eluntwini izinto asenzele zona.

12. Uyaliphindezela igazi labacinezelweyo;akasilibali isikhalo sabo baselusizini.

13. Ndenzele inceba, Ndikhoyo;bona indlela abandiphethe ngayo abo bandithiyileyo,wena ondihlangula ethunzini lokufa.

14. Mandiluxele udumo lwakhophakathi kwabantu bakho eJerusalem.Ewe, ndinemincili ngenxa yokuba undihlangule.

15. Iintlanga zeyele kumhadi ebeziwembile,zabhajiswa sisabatha ebezisithiyile.

16. Uzibonakalisile uNdikhoyo, wasiwisa isigwebo;izikhohlakali zarhintyelwa kwayimisebenzi yazo.

17. Ziya kwelabafileyo izikhohlakali,neentlanga zonke ezimfulathelayo uThixo.

18. Kaloku akayi kusoloko elityalwa amahlwempu;ithemba labahlelelekileyo aliyi kusoloko lifuthaniselwe.

19. Lamla, Ndikhoyo; malungaphakami uluntu;mazize phambi kwakho uzigwebe iintlanga.

20. Zenze zikoyike, Ndikhoyo,ziqonde ukuba zingabantu nje kuphela.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 9