Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 89:42-52 Ibhayibhile (XHO96)

42. Wena uziphakamisile iintshaba zakhe;iintshaba zakhe ziyamqholosela.

43. Ewe, ikrele lakho ulitsho layindunyuva;ngoku usisisulu edabini.

44. Uwohluthile umsimbithi oliwonga lakhe,walubhangisa ulawulo lwakhe.

45. Uyinqamle imihla yobutsha bakhe;ewe, umthe wambu ngehlazo.

46. *Ndikhoyo, koda kube nini ufulathele – ngumlibe na?Koda kube nini ivutha njengomlilo ingqumbo yakho?

47. Ndikhoyo, khawukhumbule ukuba bufutshane kwabo ubomi bam;khumbula ukungabi nto kwabo ubomi bomntu.

48. Nguwuphi umntu oya kuhlala ngonaphakade,ingubani ongaliphephayo ingcwaba?

49. Nkosi, zaya ngaphi izibele zakho zamandulo,nditsho ezo wazifungela uDavide?

50. Nkosi, khawukubone ukungcikivwa kwesicaka sakho,ndlela le ndijijithekiswa yintlamba yoluntu ngayo.

51. Ndikhoyo, iintshaba zihlekisa ngam;ewe, ziphoxisa ngaye umthanjiswa wakho naphi na apho anyathela khona.

52. Huntshu-u-u! UNdikhoyo ngowokubongwa naphakade!Makube njalo – ewe; amen!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 89