Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 89:27-46 Ibhayibhile (XHO96)

27. Yena uya kuba yinkulu yam,abe yingangalala yookumkani behlabathi.

28. Ububele bam kuye buya kuma njalo-njalo;umnqophiso wam naye soze utshitshe.

29. Ulawulo soze luphume endlwini yakhe;Ewe, lona lohlala luhleli njengamazulu.

30. “Sothi isizukulwana sakhe sakundilahla,ewe, sakuyilahla imiyalelo yam,

31. ukuba sithe sayaphula imimiselo yam,asayithobela imithetho yam,

32. ndisohlwaye ngoswazi,ndibakatse ngenxa yesono sabo.

33. Kambe ke soze ndipheze ukumthanda,ingasoze inxaxhe intembeko yam.

34. Soze ndiwutshitshise umnqophiso wam,lingasoze liwe phantsi ilizwi endalithethayo.

35. Ewe, kaloku ndafunga ubungcwele bam,ngoko ke soze ndimxokise uDavide.

36. Indlu yakhe soze ithini nanini-nanini;ulawulo lwakhe luqiniseke njengelanga.

37. Soze luthini, lunjengenyangayona ilingqina elithembekileyo elisesibhakabhakeni.”

38. Phi ke, ngoku umlahlile nje,wanengcwangu ngakumthanjiswa wakho?

39. Uwutshitshisile umnqophiso wakho nesicaka sakho;uyohluthile naloo mbasa yakhe.

40. Uzidilizile iindonga zesixeko sakhe;uzitsho zangamabhodlo iinqaba zakhe.

41. Ngoku abadlulayo bayazixhwithela;uyintlekisa nakubamelwane bakhe.

42. Wena uziphakamisile iintshaba zakhe;iintshaba zakhe ziyamqholosela.

43. Ewe, ikrele lakho ulitsho layindunyuva;ngoku usisisulu edabini.

44. Uwohluthile umsimbithi oliwonga lakhe,walubhangisa ulawulo lwakhe.

45. Uyinqamle imihla yobutsha bakhe;ewe, umthe wambu ngehlazo.

46. *Ndikhoyo, koda kube nini ufulathele – ngumlibe na?Koda kube nini ivutha njengomlilo ingqumbo yakho?

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 89