Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 89:18-33 Ibhayibhile (XHO96)

18. LikuNdikhoyo ikhaka lethu;ukumkani wethu uvela koyiNgcwele kaSirayeli.

19. Kwamandulo wena wathetha ngombono nâbo bathembekileyo, wathi:“Ndiyithe jize ngembasa ingangalala;ulawulo ndilunikele umfana okhethwe ebantwini.

20. Ndimfumene uDavide isicaka sam;yena ndimthambise ngamafutha angcwele.

21. Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;ewe, uya komelezwa ndim.

22. Akasoze onganyelwe lutshaba,nezibhoja soze zimthibaze.

23. Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.

24. Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.

25. Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,luya kuthi xhaxhe ngemilambo.

26. Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’

27. Yena uya kuba yinkulu yam,abe yingangalala yookumkani behlabathi.

28. Ububele bam kuye buya kuma njalo-njalo;umnqophiso wam naye soze utshitshe.

29. Ulawulo soze luphume endlwini yakhe;Ewe, lona lohlala luhleli njengamazulu.

30. “Sothi isizukulwana sakhe sakundilahla,ewe, sakuyilahla imiyalelo yam,

31. ukuba sithe sayaphula imimiselo yam,asayithobela imithetho yam,

32. ndisohlwaye ngoswazi,ndibakatse ngenxa yesono sabo.

33. Kambe ke soze ndipheze ukumthanda,ingasoze inxaxhe intembeko yam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 89