12. Umntla nomzantsi wadalwa kwanguwe;iintaba iTabhore neHermon ziyakudumisa.
13. Ubungangamsha bakho buyakhamnqisa;ubugorha nobukroti bakho buyamangalisa.
14. Ulawulo lwakho lusekwe ngobulungisa nolungelelwano;wena ukhokelwa bububele nokuthembeka.
15. Basethamsanqeni abantu abakubhengeza ngendumiso;ewe, Ndikhoyo, abo basoloko bekufutshane nawe,
16. abonwatyiswa nguwe imini yonke,bekudumisa ngenxa yobulungisa bakho.
17. Wena uyindili yokomelela kwabo;batshatshele kuba baxhaswa nguwe.
18. LikuNdikhoyo ikhaka lethu;ukumkani wethu uvela koyiNgcwele kaSirayeli.
19. Kwamandulo wena wathetha ngombono nâbo bathembekileyo, wathi:“Ndiyithe jize ngembasa ingangalala;ulawulo ndilunikele umfana okhethwe ebantwini.
20. Ndimfumene uDavide isicaka sam;yena ndimthambise ngamafutha angcwele.
21. Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;ewe, uya komelezwa ndim.
22. Akasoze onganyelwe lutshaba,nezibhoja soze zimthibaze.
23. Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.
24. Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.
25. Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,luya kuthi xhaxhe ngemilambo.
26. Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’