10. Kuba wena uyingangalala, uyamangalisa;ewe, nguwe wedwa uThixo.
11. Khawundifundise iindlela zakho, Ndikhoyo,khon' ukuze ndinamathele enyanisweni.Ewe, ndifundise ukukuhlonela, Nkosi;ndikunqule ndingankwalambisi.
12. Ndikubulela ngomxhelo wam wonke, Nkosi;Thixo wam, ndolidumisa njalo igama lakho,
13. kuba ziyandimangalisa izibele zakho;undihlangule enzonzobileni yengcwaba.
14. Awu, Thixo, zindivukele izibhoja.Ewe, izikrelemnqa ziyandizingela;zona azikukhathalele nganto.
15. Kambe ke wena, Nkosi,unguThixo onenceba nesisa.Wena ucaphuka kade,uphuphuma uthando nokunyaniseka.
16. Buya uvelane nam;khawusomeleze isicaka sakho,umhlangule unyana wesicakazana sakho.
17. Ndinike umqondiso wokundazelelela kwakho,ukuze abandithiyileyo babone badane,kuba wena, Ndikhoyo, undincedile wandithuthuzela.