8. Angenelele nama-Asiriya,bebonke bancedisana nenzala kaLothe.
9. Khawubafumanise esamaMidiyanngomhla kaSisera noJabhin entlanjeni iKishon,
10. abatshabalela e-Endore,banyhashwa batsho bangumgquba.
11. Iinjengele zabo zifanise no-Orebhe noZebhe;amatshawe abo wanyhashe njengoZebha noZalmuna.
12. Kaloku bona bafuna ukuwohluthaumhlaba wabantu olibango likaThixo.
13. Thixo wam, baphephethe njengothuli,babe njengomququ ophetshethwa ngumoya.
14. Mabatshayelwe okwehlathi lilenywa ngumlilo,okweentaba zibhuqwa ngumlilo.