Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 83:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Awu, Thixo, ungathini ukuthi cwaka?Ngani ukuba wonwabe, Thixo?

2. Nâzo iintshaba zakho zikuvukela.Nâbo abakuthiyileyo bephithizela.

3. Ewe, babenzela amayelenqe abantu bakho;badibene ngabo abo ubakhuselayo.

4. Bathi: “Yizani sisibhangise esi sizwe,uSirayeli angabi sakhunjulwa.”

5. Kaloku bona bathetha nto-nye,bevana ngawe ngegobe.

6. Nditsho amaEdom namaIshmayeli,amaMowabhi kunye namaHagare,

7. amaGebhali, ama-Amoni, nama-Amaleki,amaFilistiya nabemi baseTire.

8. Angenelele nama-Asiriya,bebonke bancedisana nenzala kaLothe.

9. Khawubafumanise esamaMidiyanngomhla kaSisera noJabhin entlanjeni iKishon,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 83