Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 82:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. UThixo uchophele intlanganiso *yoothixo;nguye olawulayo koothixo bonke;

2. uthi: “Kunini nilawula ngegobe,nibabonelela abakhohlakeleyo!

3. Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,nibonelele iintsizana namahlwempu.

4. Khanikhulule abahlelelekileyo nama-athalala;bahlanguleni abagonyamelwa zizikhohlakali.

5. “Basemnyameni ombode-mbode;bayafathula njengempumputhela,nangona lona ihlabathi lizama-zama.

6. Ndithi: Ewe kambe, ningoothixo;nonke ningoonyana bakaPhezukonke.

7. Kambe ke niya kufa njengamntu wonke,nibhange njengamatshawe.”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 82