Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 81:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.

10. Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenuowanikhuphayo kwelamaJiputa;khamisani, mna ndiza kunifunza.

11. “Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;abafunanga nokuva oku ngam.

12. Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,ukuze benze ngokuthanda kwabo.

13. Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;akwaba ubungandithobela, Sirayeli.

14. Bendingazigeqayo iintshaba zakho;ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.

15. Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,isigwebo sabo sibe ngumlibe.

16. Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,ndinanelise ngobusi obupholileyo.”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 81