Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 81:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;memelelani nidumise uThixo kaYakobi.

2. Hlabelani nitsho ngohadi;dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.

3. Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.

4. Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,lisiko loThixo kaYakobi.

5. Walenza langummiselo kwaSirayeli,mhla wahlasela elamaJiputa.Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:

6. “Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,zaxibilika iingobozi ezandleni.

7. Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.

8. “Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!

9. Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.

10. Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenuowanikhuphayo kwelamaJiputa;khamisani, mna ndiza kunifunza.

11. “Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;abafunanga nokuva oku ngam.

12. Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,ukuze benze ngokuthanda kwabo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 81