18. Wantinga, wanyukela phezulu,erhuqa umngcelele wabathinjwa,wamkela izipho ebantwini,ewe, nditsho nakwabamvukelayo,ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.
19. Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.
20. UThixo wethu ungosindisayo;uMhlekazi uNdikhoyo uyasihlangula ekufeni.
21. Kodwa ke uThixo uya kuzintlekeza iintshaba zakhe,abo bathene nca nenkohlakalo.
22. INkosi yathi: “Ndiya kuzibuyisa eBhashan;ndiya kuzirhola enzonzobileni yolwandle;
23. ukuze nina nigxampuze egazini lazo,zona izinja zihluthe kukuxhaph' igazi.”
24. Umngcelele wakho, Thixo, uyabonakala,umngcelele oya esibingelelweni,nditsho okaThixo, ukumkani wam.
25. Phambili ngabantyilozayo, belandelwa ngabangqungqayo;phakathi kwabo iintombi zibeth' iingqongqo.
26. Mbongeni uThixo embizweni yakhe;mbongeni, nina bandla likaSirayeli!
27. Zikhokelwa nguBhenjamin inci.Nâlo neqela lamatshawe akwaJuda.Ayalandela awakwaZebhulon nawakwaNafetali.
28. Bonakalìsa ubungangamsha bakho, Thixo;loo mandla wasinceda ngawo, Thixo.
29. Ngenxa yesidima sendlu yakho eJerusalemizikumkani ziza zipheth' imirhumo.