Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 68:18-29 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wantinga, wanyukela phezulu,erhuqa umngcelele wabathinjwa,wamkela izipho ebantwini,ewe, nditsho nakwabamvukelayo,ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.

19. Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

20. UThixo wethu ungosindisayo;uMhlekazi uNdikhoyo uyasihlangula ekufeni.

21. Kodwa ke uThixo uya kuzintlekeza iintshaba zakhe,abo bathene nca nenkohlakalo.

22. INkosi yathi: “Ndiya kuzibuyisa eBhashan;ndiya kuzirhola enzonzobileni yolwandle;

23. ukuze nina nigxampuze egazini lazo,zona izinja zihluthe kukuxhaph' igazi.”

24. Umngcelele wakho, Thixo, uyabonakala,umngcelele oya esibingelelweni,nditsho okaThixo, ukumkani wam.

25. Phambili ngabantyilozayo, belandelwa ngabangqungqayo;phakathi kwabo iintombi zibeth' iingqongqo.

26. Mbongeni uThixo embizweni yakhe;mbongeni, nina bandla likaSirayeli!

27. Zikhokelwa nguBhenjamin inci.Nâlo neqela lamatshawe akwaJuda.Ayalandela awakwaZebhulon nawakwaNafetali.

28. Bonakalìsa ubungangamsha bakho, Thixo;loo mandla wasinceda ngawo, Thixo.

29. Ngenxa yesidima sendlu yakho eJerusalemizikumkani ziza zipheth' imirhumo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 68