17. UNdikhoyo weza ngeenqwelo ezimawaka-waka,ephuma eSinayi, esiza ebhotwe.
18. Wantinga, wanyukela phezulu,erhuqa umngcelele wabathinjwa,wamkela izipho ebantwini,ewe, nditsho nakwabamvukelayo,ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.
19. Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.
20. UThixo wethu ungosindisayo;uMhlekazi uNdikhoyo uyasihlangula ekufeni.
21. Kodwa ke uThixo uya kuzintlekeza iintshaba zakhe,abo bathene nca nenkohlakalo.
22. INkosi yathi: “Ndiya kuzibuyisa eBhashan;ndiya kuzirhola enzonzobileni yolwandle;
23. ukuze nina nigxampuze egazini lazo,zona izinja zihluthe kukuxhaph' igazi.”
24. Umngcelele wakho, Thixo, uyabonakala,umngcelele oya esibingelelweni,nditsho okaThixo, ukumkani wam.
25. Phambili ngabantyilozayo, belandelwa ngabangqungqayo;phakathi kwabo iintombi zibeth' iingqongqo.
26. Mbongeni uThixo embizweni yakhe;mbongeni, nina bandla likaSirayeli!
27. Zikhokelwa nguBhenjamin inci.Nâlo neqela lamatshawe akwaJuda.Ayalandela awakwaZebhulon nawakwaNafetali.
28. Bonakalìsa ubungangamsha bakho, Thixo;loo mandla wasinceda ngawo, Thixo.
29. Ngenxa yesidima sendlu yakho eJerusalemizikumkani ziza zipheth' imirhumo.
30. Bakhalimele abo bahlala eJiputa,isizwe esiziphetheleyo izizwe,esicinezela ezinye ngenxa yomrhumo.Isizwe esingumnqay' ulambilesizichitha-chithile ezinye izizwe.
31. Imirhumo mayize iphuma eJiputa;amaKushe makaphakamele kuThixo azibike.
32. Culelan' uThixo, zizwe zehlabathi;memelelani nimbonge uMhlekazi;
33. kulowo ucanda amazulu,nditsho amazulu amandulo,otsho ngelizwi ngathi liyazongoma.
34. Wancomeni amandla kaThixoobungangamsha buphezu koSirayeli,omagunya akhe asesibhakabhakeni.