Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 58:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngaba anikhethi buso na kodwa,nina balawuli, xa nilawulayo?Anibalamli ngegobe kodwa abantu?

2. Hayi bo! Niyila inkohlakalo;kweli hlabathi naba ugonyamelo.

3. Abakhohlakeleyo banxaxha bezalwa nje;ewe, banxaxha besesesizalweni, bathethe ubuxoki.

4. Banobuhlungu njengeenyoka;banjengenyushu ezenza isithulu,

5. ukuze ingeva tu xa iculelwa ngabo banemilingo;ubuqili benkintsela bungasebenzi.

6. Khawubaphule loo mazinyo, Thixo;wafohloze amabamba engonyama, *Ndikhoyo.

7. Mabaphel' emehlweni, baxel' amanzi ehamba ngomsele.Mabajolise ngeentolo ezibuthuntu.

8. Mabanyibilike, baxel' inkumba.Mabaxel' imva-mbilini ejik' endleleni.

9. Imbiza ingekawuva umlilo,noba wokhekile, noba awokhekanga,izikhohlakali ziqweqwediswa zingabi sabonakala.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 58