1. Khawuwabekel' iindlebe amazwi am, *Ndikhoyo,usigqale isingqala sam.
2. Kuve ukukhala kwam, kumkani wam, Thixo wam,xa ndithandazayo kuwe.
3. Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.
4. Kaloku unguThixo ongadlelaniyo nobugwenxa;akukunyamezeli ukungcola phambi kwakho.
5. Akubanyamezeli abantw' abazingcayo;ubuthiye bonk' ubugqwirha.