Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 46:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Hayi, amanzi alo angade agqume alephuze amagwebu,iintaba zingcangcazeliswe kukulephuza kwawo.

4. Kukho umlambo omisinga isivuyisayo isixeko sikaThixo,esilikhaya elingcwele likaPhezukonke.

5. UThixo uthe zinzi apho kuso.Ngoko ke asinakuze sitshabalale,kuba yena usinceda kwasekuseni.

6. Izizwe ziyaphithizela;izikumkani ziyabhukuqwa.Lakuhlokoma ilizwi lakheihlabathi litsho linyibilike.

7. *UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

8. Yizani nibone akwenzileyo uNdikhoyo.Ewe, uliphanzisile ihlabathi.

9. Ngumaphelis' iimfazwe ehlabathini jikelele.Uyasiqoboza isaphetha,awuvikive umkhonto,amakhaka awantumek' umlilo.

10. Uthetha ngelizwi athi:“Phezani, ndim uThixo.Ndizivelele izizwe;nehlabathi ndilikrobele.”

11. UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 46