Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 41:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. UNdikhoyo womonga xa angaphilanga,ambuyisele empilweni.

4. Ke mna ndathi: “Ndikhoyo, ndenzele inceba!Ndikonile; nceda ndiphilise!”

5. Zahlekisa ngam iintshaba zisithi:“Uya kufa nini kakade, angabi sakhunjulwa bani?”

6. Nabo baze kundivelela abakho ntweni,bezela nje ukuza kuva ulwimi,bahambe besasaza intlebendwane.

7. Zihamba zindihleba iintshaba zam,zindinqwenelela okubi.

8. Zihamba zisithi: “Ukufa mumosele!Akanakuba savuka kumandlalo wakhe!”

9. Ewe, nesihlobo sam esisenyongweni ebendisithembile,nditsho kanye eso sabelana ngeqhekeza lesonka,naso sindivukele.

10. Ndikhoyo, ndenzele inceba, ndiphakame,ndize ndiziphindezele kwiintshaba zam.

11. Phofu ke ndiyazi ukuba undikhathalele,kuba azinakundivuyelela iintshaba zam.

12. Uyandinceda kuba ndimsulwa;undibeka phambi kwakho ngalo lonke ixesha.

13. Makabongwe uNdikhoyo,uThixo kaSirayeli,ngoku kude kube nini-nini!Amen, ewe, makube njalo!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 41