Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 40:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Kungoko ke ndathi mna:“Njengoko kubhaliwe ngam encwadini, ewe, ndim lo.

8. Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni.”

9. Ndizixelile ebandleni iindaba zakho zosindiso;Ndikhoyo, uyazi ukuba andikuyeka ukuzibalisa.

10. Andilufihlanga udaba losindiso lwakho;bendisoloko ndibalisa ngokunyaniseka noncedo lwakho;andilifihlelanga ibandla lakho izibele zakho nenyaniso yakho.

11. Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;ndilondoloze ngenceba nenyaniso.

12. Zindivelela macal' onke iingxaki.Ndixakene nezono zam, azindiphi mtyhi konke.Nditsho ndatyhafa, kuba zininzi ngangeenwele zentloko yam.

13. Khawuncede undihlangule, *Ndikhoyo!Phuthuma, Ndikhoyo, undincede!

14. Mabadane badideke abandizondayo;mabarhoxe baphoxeke abazungula ukundenzakalisa.

15. Mabajike benyoshoza abo bathi tshotsho vityo.

16. Abakulangazelelayo mabavuye bagcobe ngawe;abaluthandayo usindiso lwakho mabangaphezi ukuthi:“Huntshu – uyingangalala uNdikhoyo!”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 40