35. Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo,lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi.
36. Ndaphinda ndadlula apho, ndabona lingasekho;ndalikhangela, andalifumana konke.
37. Kugqale ukulunga nobumsulwa,kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;
38. kodwa bona aboni baya kutshatyalaliswa,nenzala yabo iphanziswe kuphele.
39. NguNdikhoyo umhlanguli wamalungisa;ulikhaka lawo ngexesha lobunzima.
40. Nguye owancedayo, awahlangule,awasindise kumatshijolo,kuba akholose ngaye amalungisa.