Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 37:34-40 Ibhayibhile (XHO96)

34. Thembela kuNdikhoyo, uthobele imithetho yakhe;wokunika umhlaba uwume,uwabone amatshijolo etshabalala.

35. Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo,lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi.

36. Ndaphinda ndadlula apho, ndabona lingasekho;ndalikhangela, andalifumana konke.

37. Kugqale ukulunga nobumsulwa,kuba kumzisela uxolo umntu ekugqibeleni;

38. kodwa bona aboni baya kutshatyalaliswa,nenzala yabo iphanziswe kuphele.

39. NguNdikhoyo umhlanguli wamalungisa;ulikhaka lawo ngexesha lobunzima.

40. Nguye owancedayo, awahlangule,awasindise kumatshijolo,kuba akholose ngaye amalungisa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 37