Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 37:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mus' ukuziduba ngamatshijolo wena,ungabamoneli abenzi bobubi.

2. Kwakamsinya baya kubuna njengengca,bavuthuluke njengamagqabi.

3. Thembela *kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

4. Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

5. Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;yena ke wokwenzelelela.

6. Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,kucace mhlophe ukulunga kwakho.

7. Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

8. Zilumle emsindweni, uyilahle ingqumbo,ungazidub' umphefumlo, hleze unxunguphale.

9. Kaloku othi shwaka amatshijolo,kodwa boba zizima-mhlaba abathembele kuNdikhoyo.

10. Ngumzuzwana nje athi shwak' amatshijolo;uthi uwakhangela ungawaboni.

11. Kodwa bona abathobekileyo bowuma umhlaba,baxhamle intlutha noxolo.

12. Amatshijolo awenzela amayelenqe amalungisa,awajamele ngentiyokazi enkulu.

13. Kodwa uNdikhoyo usuka acubhuke yintsini,kuba uyazi yena ukuba imihla yamatshijolo selisongekile.

14. Arhola amakrele, ajolise iintolo zawo amatshijolo,efun' ukuwisa iintsizana namahlwempu,abulale amalungisa.

15. Otyakatywa kwangelawo ikrele,zaphulwe nezo ntolo zawo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 37