Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 34:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.

10. Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

11. Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.

12. Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,lowo unga angafumana imihla emnandi,

13. makazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki;

14. makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

15. Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo;

16. kodwa ubafulathele abenzi bobubi,abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.

17. Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.

18. UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

19. Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;

20. uwagcina onke amathambo alo,kungaphuki nalinye kuwo.

21. Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 34