9. Wathetha kaloku, laza ladalwa;wawisa umyalelo, kwatsho kwavel' indalo.
10. Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,awaphanzise amacebo eentlanga.
11. Kodwa awakhe amacebo ohlala ehleli;zohlala zikho iingcinga zakhe kude kube nini-nini.
12. Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,eso asinyule sangabantu bakhe.
13. Wondela phantsi uNdikhoyo esezulwini,ababone bonke oonyana babantu.
14. Ubaqwalasele bonke abemi behlabathi,engqendeve kwibhotwe lakhe.
15. Zidalwe nguye iintliziyo zabo;uyazazi zonke izinto abazenzayo.
16. Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;asimandla agorha alisindisayo.
17. Akuthenjelwa ngahashe edabini,kungemandla alo amsindisayo umntu.
18. UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayonabo bathembe izibele zenceba yakhe,
19. aze abahlangule ekufeni,abondle ngelixa lendlala.