Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 33:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

5. UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;lizele ihlabathi zizibele zakhe.

6. Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.

7. Wawaqokelela amanzi olwandle ngathi uwatha eselweni,wazivalela iinzulu zolwandle ngathi kukoovimba.

8. Malimbong' uNdikhoyo lonke ihlabathi,bamhlonele bonke abemi balo.

9. Wathetha kaloku, laza ladalwa;wawisa umyalelo, kwatsho kwavel' indalo.

10. Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,awaphanzise amacebo eentlanga.

11. Kodwa awakhe amacebo ohlala ehleli;zohlala zikho iingcinga zakhe kude kube nini-nini.

12. Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,eso asinyule sangabantu bakhe.

13. Wondela phantsi uNdikhoyo esezulwini,ababone bonke oonyana babantu.

14. Ubaqwalasele bonke abemi behlabathi,engqendeve kwibhotwe lakhe.

15. Zidalwe nguye iintliziyo zabo;uyazazi zonke izinto abazenzayo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 33