Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 33:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. Wondela phantsi uNdikhoyo esezulwini,ababone bonke oonyana babantu.

14. Ubaqwalasele bonke abemi behlabathi,engqendeve kwibhotwe lakhe.

15. Zidalwe nguye iintliziyo zabo;uyazazi zonke izinto abazenzayo.

16. Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;asimandla agorha alisindisayo.

17. Akuthenjelwa ngahashe edabini,kungemandla alo amsindisayo umntu.

18. UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayonabo bathembe izibele zenceba yakhe,

19. aze abahlangule ekufeni,abondle ngelixa lendlala.

20. Thina sithembele kuNdikhoyo,kuba nguye umncedi nomkhuseli wethu.

21. Ewe, siya kuchulumacha ngenxa kaNdikhoyo,kuba sithembele kwigama lakhe elidumileyo.

22. Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,njengoko kaloku sithembele kuwe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 33