Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 31:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kodwa ithemba lam likuwe, Ndikhoyo;ewe, unguThixo wam wena.

15. Imihla yam isesandleni sakho;ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.

16. Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.

17. Mandingadani konke, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;mabadane abantw' abagwenxa, banyoshoze baye kufa.

18. Watsho athi cwaka amaxoki,wona anyelisa amalungisa ngeentetho zolunya nendelelo.

19. Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

20. Uyabakhusela ngobukho bakho kumayelenqe abantu,ubagushe phantsi kwephiko lakho, bangagxijwa ziintshaba.

21. Makabongwe uNdikhoyo,kuba undenzele ububele obungummangaliso,xa ndandixiniwe, ndihlaselwa.

22. Ukothuka kwam ndathi ndilahlelwe kude nawe,kodwa wandiva ndakuzibika kuwe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 31