Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 25:9-22 Ibhayibhile (XHO96)

9. Abathobekileyo ubakhokelela kokulungileyo,abafundise indlela yakhe abalulamileyo.

10. Zonk' iindlela zikaNdikhoyo zezothando nenyanisokwabo bathobela umnqophiso nemithetho yakhe.

11. Ngenxa yegama lakho, Ndikhoyo, ndixolele ityala lamnakuba lilikhulu kangaka.

12. UNdikhoyo uya kumbonisa indlela umntu omoyikayo.

13. Uya kuhlala enenkqubelanabantwana bakhe ube lilifa labo umhlaba.

14. Ungumhlobo kwabo bamhlonelayo uNdikhoyo,uyabaqondisa umnqophiso wakhe.

15. Ndihleli ndilindele uncedo lukaNdikhoyo,kuba uyawusombulula umgib' ezinyaweni zam.

16. Buyela kum, Ndikhoyo, undenzele inceba;kaloku ndilikheswa, ndixhwalekile.

17. Ndikhulule kwintlungu endikuyo,undikhuphe ezimbandezelweni.

18. Qwalasela ubunzima nosizi endikulo,undixolele zonk' izono zam.

19. Zigqale ubuninzi bazo iintshaba zam,nendlela ebuhlungu ezindiphethe ngayo ngolunya.

20. Bukhusele ubomi bam, undihlangule;mandingadaniswa kaloku, kuba ndithembele ngawe.

21. Mandihlale ndingasoleki ndililungisa,kuba kaloku ithemba lam likuwe.

22. Bakhulule, Thixo, abantu bakho amaSirayelikuzo zonke iimbandezelo zabo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 25