Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 22:14-26 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndiphelelwe; amandla aphalele njengamanzi,ahlukene onke amathambo am,intliziyo yam iyanyibilika ngathi ngumthwebeba.

15. Aphele mpel' amandla kum,ulwimi lwam lunamathel' ezinkalakahleni,undishiy' eluthulini njengofileyo.

16. Lindirhawul' igquba labantw' abagwenxa,ndangathi ndirhangqwe ligqiza lezinja;bandidlavul' izandla neenyawo,

17. ngoko ke amathambo am aphandle.Ke zona iintshaba zam zibukele.

18. Babelana ngeengubo zam;benzelan' amaqashiso ngesambatho sam.

19. Ke wena, Ndikhoyo, mus' ukuba kude nam;Mkhululi wam, khawuleza undincede!

20. Ndihlangule ekreleni,undisindise kwezi zinja.

21. Ndihlangule emlonyeni wengonyama;ndisindise kulo mngcipheko ndikuwo.

22. Ndowabalisela amawethu ngezint' ozenzileyo,ndikubonge ebandleni, ndithi:

23. “Mbongen' uNdikhoyo, nina bamhlonelayo;mdumiseni nonke, nina bonyana bakaYakobi;mhloneleni nonke, nina nzala kaSirayeli!

24. Kaloku akazideli engazicekisi iintsizi zehlwempu;uyaziva izicelo zalo, angalifulatheli.”

25. Ndiya kukubonga esidlangalaleni,ngenxa yezinto ondenzele zona;ndowafezekisa amadinga endawenzayo,phambi kwebandla lâbo bakuthobelayo.

26. Amahlwempu aya kutya ahluthe mpu;bombonga uNdikhoyo abo bamfunayo.Banga banganempumelelo engapheliyo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 22