Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 22:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?Kudala ndizigixa, ndicel' uncedo,kodwa andikalufumani unangoku!

2. Thixo wam, emini ndikhalela kuwe, kodwa akundiva.Nasebusuku ndiyakhala,ndingafumani kuphumla phezu koko.

3. Kambe wena ungqendeve phakathi kwabakudumisayo;nditsho wena ngangamela yakwaSirayeli.

4. Babekholose ngawe ookhokho bethu;babekuthembile, wabahlangula wena.

5. Bakhala kuwe, wabakhulula wena;babethembele ngawe, akwabadanisa.

6. Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.

7. Bonk' abandibonayo bayandigxwala;bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi:

8. “Ubethembele *kuNdikhoyo, makamhlangule kaloku;makamkhulule ukuba uyamthanda.”

9. Kanti ke nguwe owawundikhusele kwasekuzalweni kwam,wandilondoloza ndisesemabeleni kama.

10. Ndahlulelwa wena kwasekuzalweni kwam;ubunguThixo wam wena ndingekazalwa.

11. Mus' ukuba kude kum.Kaloku sele isemnyango imbandezelo;ibe akukho namnye ongandincedayo.

12. Zindingqongile iintshaba zam,ngathi ziinkunz' ezomeleleyo zaseBhashan;zindivelele macal' onke.

13. Zikhamisile, zindivulel' imilomo;ziyandijamela zixel' ingonyam' egqumayo.

14. Ndiphelelwe; amandla aphalele njengamanzi,ahlukene onke amathambo am,intliziyo yam iyanyibilika ngathi ngumthwebeba.

15. Aphele mpel' amandla kum,ulwimi lwam lunamathel' ezinkalakahleni,undishiy' eluthulini njengofileyo.

16. Lindirhawul' igquba labantw' abagwenxa,ndangathi ndirhangqwe ligqiza lezinja;bandidlavul' izandla neenyawo,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 22