Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:6-20 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,ndalucela uncedo kuThixo wam.Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,savakala kuye isikhalo sam.

7. Suka wagungqa wanyikima umhlaba,nditsho neziseko zeentaba zashukuma,kuba uThixo wayenomsindo.

8. Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,walephuza amadangatye ngomlomo,kuliqika amalahle avuthayo.

9. Wasikrazula isibhakabhaka, wehla,ethe zukuva phezu kwelifu elimnyama.

10. Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphikoitshebeleza ngesantya emoyeni.

11. Wayethiwe gqume sisithokothoko, kumnyama thsu;engqingwe ziingqimba zamafu anemvula.

12. Kwaw' isichotho namalahl' avuthayo,ziphuma kumban' ongaphambi kwakhe,zagqobhoza kuloo ntshinyela yamafu.

13. Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,lavakal' ilizwi loPhezukonke,satsho isichotho nemibane.

14. Wadubula ngeentolo zakhe, zee qhu saa iintshaba,eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

15. Ewe, watsho zoma qoko iilwandle,kwatsho kwavela neziseko zelizwe,wakukhalima, wena Ndikhoyo,ugragramela iintshaba unomsindo.

16. Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,wandihlangula kumanzi enzonzobila.

17. Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

18. Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

19. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

20. Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18