Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:37-50 Ibhayibhile (XHO96)

37. Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.

38. Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apho phambi kwam.

39. Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.

40. Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

41. Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.

42. Mna ndizicumza zibe njengothuli luphetshethwa ngumoya,ndizinyhashe okodaka endleleni.

43. Wandihlangula kubavukeli,walimisa igunya lam ezizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

44. Bayandithobela bakuwuva umthetho wam;ndikhahlelwe nangabasemzini abantu,

45. bephuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.

46. Huntshu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe, wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!

47. Wena undoyisela iintshaba zam;wena ugoba iintlanga zitsho zindikhahlele;

48. wena undihlangula kwabandichasayo!Ewe, undoyisele iintshaba zam,wandikhusela kubaphalazi-gazi.

49. Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

50. NguThixo omnika uloyiso ukumkani,omenzele izibele umthanjiswa wakhe,uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18