33. Undicondobisa kuhle njengenxala,ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.
34. Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.
35. Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;undibonelele ndatsho ndazimaseka.
36. Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.
37. Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.
38. Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apho phambi kwam.
39. Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.
40. Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.
41. Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.
42. Mna ndizicumza zibe njengothuli luphetshethwa ngumoya,ndizinyhashe okodaka endleleni.
43. Wandihlangula kubavukeli,walimisa igunya lam ezizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.
44. Bayandithobela bakuwuva umthetho wam;ndikhahlelwe nangabasemzini abantu,
45. bephuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.
46. Huntshu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe, wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!
47. Wena undoyisela iintshaba zam;wena ugoba iintlanga zitsho zindikhahlele;
48. wena undihlangula kwabandichasayo!Ewe, undoyisele iintshaba zam,wandikhusela kubaphalazi-gazi.