Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:33-48 Ibhayibhile (XHO96)

33. Undicondobisa kuhle njengenxala,ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

34. Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

35. Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;undibonelele ndatsho ndazimaseka.

36. Undimise endaweni ephangaleleyo;azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

37. Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;andijiki ndide ndizitshabalalise.

38. Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,ziqungquluze apho phambi kwam.

39. Undinika amandla edabini,undoyisele iintshaba zam.

40. Ziyandoyika iintshaba zam;abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

41. Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.

42. Mna ndizicumza zibe njengothuli luphetshethwa ngumoya,ndizinyhashe okodaka endleleni.

43. Wandihlangula kubavukeli,walimisa igunya lam ezizweni,ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

44. Bayandithobela bakuwuva umthetho wam;ndikhahlelwe nangabasemzini abantu,

45. bephuma kwiinqaba zabo begubha,bephelelwe sisibindi xa bebonke.

46. Huntshu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!Mawubongwe, wena mkhuseli wam,Thixo ongumhlanguli wam!

47. Wena undoyisela iintshaba zam;wena ugoba iintlanga zitsho zindikhahlele;

48. wena undihlangula kwabandichasayo!Ewe, undoyisele iintshaba zam,wandikhusela kubaphalazi-gazi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18