Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:22-35 Ibhayibhile (XHO96)

22. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andiyaphulanga imithetho yakhe.

23. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

24. Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.

25. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

26. Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.

27. Ungumsindisi wabathobekileyo;uyabathoba abo banekratshi.

28. Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;undigxothela ubumnyama, wena Thixo.

29. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

30. Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

31. NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo.

32. Ewe, nguThixo ondinika amandla;nguye oyenza iphumelele indlela yam.

33. Undicondobisa kuhle njengenxala,ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

34. Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

35. Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;undibonelele ndatsho ndazimaseka.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18