19. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.
20. Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.
21. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.
22. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andiyaphulanga imithetho yakhe.
23. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.
24. Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.
25. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
26. Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.
27. Ungumsindisi wabathobekileyo;uyabathoba abo banekratshi.
28. Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;undigxothela ubumnyama, wena Thixo.
29. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.
30. Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.
31. NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo.
32. Ewe, nguThixo ondinika amandla;nguye oyenza iphumelele indlela yam.