Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:18-34 Ibhayibhile (XHO96)

18. Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

19. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

20. Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.

21. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

22. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andiyaphulanga imithetho yakhe.

23. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

24. Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.

25. Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

26. Umsulwa kwabo bamsulwa;uchasene nabo bangamatshijolo.

27. Ungumsindisi wabathobekileyo;uyabathoba abo banekratshi.

28. Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;undigxothela ubumnyama, wena Thixo.

29. Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

30. Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

31. NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo.

32. Ewe, nguThixo ondinika amandla;nguye oyenza iphumelele indlela yam.

33. Undicondobisa kuhle njengenxala,ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

34. Undiqhelisa ukulwa edabini,andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18