Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 18:14-24 Ibhayibhile (XHO96)

14. Wadubula ngeentolo zakhe, zee qhu saa iintshaba,eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

15. Ewe, watsho zoma qoko iilwandle,kwatsho kwavela neziseko zelizwe,wakukhalima, wena Ndikhoyo,ugragramela iintshaba unomsindo.

16. Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,wandihlangula kumanzi enzonzobila.

17. Wandihlangula kwiintshaba zamnakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

18. Bandihlasela ndisengxingweni,wandikhusela yena uNdikhoyo.

19. Wandihlangula ndisengozini,wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

20. Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.

21. Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;andimfulathelanga uThixo wam.

22. Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;andiyaphulanga imithetho yakhe.

23. Uyandazi ukuba andonanga;ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

24. Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 18