Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 148:3-11 Ibhayibhile (XHO96)

3. Mbongeni, wena langa nawe nyanga;mdumiseni, nonke zinkwenkwezi eziqaqambileyo!

4. Mbongeni, nani mazulu asemajuku-jukwini;ewe, makube njalo nakuni, manzi angaphaya kwesibhakabhaka!

5. Ewe, mazilidumise igama likaNdikhoyo;kaloku yena wathetha ngelizwi, zabakho ke zona.

6. Wazimisela ukuze zihlale zihleli nanini-nanini;ewe, wazimisela umda ongasoze washukunyiswa.

7. Dumani kuNdikhoyo nalapha emhlabeni!Nditsho kuni, bominenga, nani nonke, manzi anzongonzongo,

8. wena mlilo, nawe sichotho, khephundini, nani mafu,nawe saqhwithi sofezekisa ilizwi lakhe.

9. Dumani, zintaba, nani zinduli,mithi yeziqhamo, nani nonke misedare!

10. Mbongeni, nina marhamncwa, nani nonke zinkomo,nina zinto zirhubuluzayo, nani zintaka ziphaphayo!

11. Khahlelani, zikumkani zehlabathi, nani nonke zizwe,matshawe, nani nonke zinxiba-mxhaka zehlabathi!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 148