Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 137:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngasemilanjeni yaseBhabheli sahlala phantsi sagixa sakucinga *ngeZiyon.

2. Iikatala zethu sazixhoma emingcunubeni kwalapho.

3. Kaloku abo babesithimbile suka bathi:“Khanisonwabise ngengoma;khanihlabele enye kwezaseZiyon.”

4. Besingathini kambe ukucula *ezikaNdikhoyo kwelasemzini!

5. Ukuba ndingakulibala, Jerusalem, sanga singashwabana isandla sam sokunene.

6. Malunamathele ezinkalakahleni ulwimi lwam, ukuba ndinokukulibala,xa ndinokusuka ndingayibaluli iJerusalem njengeyona ntshinga yovuyo lwam.

7. Awu, Ndikhoyo, yikhumbule into eyênziwa ngamaEdom, mhla yahlaselwa iJerusalem.Kaloku agcoloda athi: “Yidilizeni niyisiphule neengcambu.”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 137