Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 135:9-21 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.

10. Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.

11. Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.

12. Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.

13. Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.

14. Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.

15. Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.

16. Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;banawo namehlo, kodwa ababoni.

17. Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;baziziduli ezingenawo nomphefumlo.

18. Bakwafana nazo abenzi bazo,nabo bonke abakholosa ngazo.

19. Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,nani ndlu ka-Aron, mbongen' uNdikhoyo.

20. NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.

21. Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 135