4. Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!
5. Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.
6. Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –nditsho emazulwini nasemhlabeni,kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.
7. Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.
8. Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.
9. Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.
10. Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.
11. Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.
12. Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.
13. Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.
14. Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.
15. Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.
16. Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;banawo namehlo, kodwa ababoni.
17. Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;baziziduli ezingenawo nomphefumlo.
18. Bakwafana nazo abenzi bazo,nabo bonke abakholosa ngazo.
19. Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,nani ndlu ka-Aron, mbongen' uNdikhoyo.