Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 135:1-16 Ibhayibhile (XHO96)

1. Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;ewe, lidumisen' igama likaNdikhoyo!Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;

2. nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,nasenkundleni yomzi woThixo wethu.

3. Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel' enqwelo ngokulunga;memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.

4. Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!

5. Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.

6. Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –nditsho emazulwini nasemhlabeni,kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.

7. Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.

8. Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.

9. Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.

10. Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.

11. Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.

12. Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.

13. Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.

14. Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.

15. Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.

16. Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;banawo namehlo, kodwa ababoni.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 135