1. Ke kaloku ekuphumeni kwamaSirayeli eJiputa,ewe, ekundulukeni kwendlu kaYakobi kwelasemzini,
2. uJuda waba libango *likaNdikhoyo,ke yena uSirayeli waba luhlanga lwakhe.
3. Luthe lungabona lwaswantsula ulwandle;kanti ke yona iJordan suka yahlehla.
4. Iintaba zadloba, zaxel' amankonyana;ke zona iinduli zataka-taka, zaxel' amatakane.