Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 110:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi enkosini yam ukumkani:“Hlala ngakum kweli wonga,lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”

2. Ulawulo lwakho uNdikhoyo woluqalisa eZiyon.Ke wena zilawule iintshaba zakho.

3. Amatshawe akho ozincama engaqhutywa,evethe eziyokoyoko zoloyiso,mhla wagagana notshaba lwakho.Kusasa ngejekejeke lobuthelana okombethe ulutsha.

4. UNdikhoyo akayi kujika, kuba wafunga wathi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedekioya kuhlala ehleli.”

5. Ke yona iNkosi ingakuwe;mhla yacaphuka iya kuzibhangisa izikumkani.

6. Iya kuzingenela ngomgwebo izizwe,zitsho ziqungquluze izidumbu zabantu;ewe, iya kuzivikiva iziphathamandla jikelele.

7. Ukumkani uya kusela ecaleni kwendlela;ngako ke aqingqe ethwel' indwe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 110