Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:7-24 Ibhayibhile (XHO96)

7. wabakhokela ngendlela ethe ngqo,wada wabamisa esixekweni bazinza.

8. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

9. Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

10. Abanye babehlala esithokothokweni sobumnyama,bengamabanjwa akhonkxwe ngemixokelelwane;

11. kuba kaloku bawavukela amazwi kaThixo,bawudela ummiselo kaPhezukonke.

12. Babeziinxekenxeke, besebenza nzima;babezizigede, kungekho bani ubasizayo.

13. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

14. Wabakhupha esithokothokweni sobumnyama,waziqhawula iimbophelelo zabo.

15. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

16. Kaloku yena uyazifohloza iingcango zesinyithi,aze azikroboze izibonda zentsimbi.

17. Bambi babencithekile ngenxa yezono zabo;ngenxa yobugwenxa babo babexhwalekile.

18. Ukutya babengasafuni nokukubona;kaloku babesebelikrobile ingcwaba.

19. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

20. Wathetha ngelizwi, baza baphila;ewe, wabahlangula ekufeni.

21. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

22. Mabenze amadini okubulela,batsholoze bemdumisa ngemisebenzi yakhe.

23. Abanye babehamba elwandle ngeenqanawa;babephila kukurhweba elwandle.

24. Babeyibona imisebenzi emikhulu kaNdikhoyo;nditsho imimangaliso yakhe elwandle.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107