Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:30-43 Ibhayibhile (XHO96)

30. Ke kaloku bachulumacha kuba kuzolile,waza ke wabafikisa kwizibuko ababelinqwenela.

31. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

32. Ngoko ke mabamncome ebandleni labakhe,bamdumise embizweni yamadoda amakhulu.

33. Ulojika imilambo ibe yinkangala,imithombo ibe ngumqwebedu.

34. Ngenxa yenkohlakalo yabemi baloelichumayo ulitsho libe yintlango.

35. Umajik' intlango ibe sisithabazi samanzi,elibharhileyo litsho litsits' imithombo.

36. Uzimisa apho ke izilambi,khon' ukuze zime zizinze.

37. Ziyalima, zizityalela izidiliya;ewe, zivuna intabalala yendyebo.

38. Ngentsikelelo yakhe bazala bangayeki,neenkomo zabo zihlala zisanda.

39. Suka ke bancipha ngamanani,baza ke bathobeka,ngenxa yengcinezelo, inkxwaleko, neentsizi.

40. Amatshawe uwagalele ngehlazo,aba zizibhadu-bhadu zelibharhileyo.

41. Ke bona abahlelelekileyo uyabonyula ezinkathazweni,abatsho bande ngokwemihlambi.

42. Athi akuyibona le nto amalungisa agcobe;ke bona abangendawo baxakwe.

43. Olumkileyo makazigqale ezi zinto;abantu mabaziqonde izibele zikaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107