Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:23-33 Ibhayibhile (XHO96)

23. Abanye babehamba elwandle ngeenqanawa;babephila kukurhweba elwandle.

24. Babeyibona imisebenzi emikhulu kaNdikhoyo;nditsho imimangaliso yakhe elwandle.

25. Kaloku wathetha ngelizwi, kwavel' isaqhwithi,aza ke wona amaza alatyuza.

26. Iinqanawa zaphatha kunyuka, zaphatha kuzika;ke bona abarhwebi banxuba.

27. Batatazela badidizel' okwamanxila;ewe, lalixubayele bexakiwe.

28. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.

29. Wasithothisa ke isaqhwithi,aza ke amaza olwandle azola.

30. Ke kaloku bachulumacha kuba kuzolile,waza ke wabafikisa kwizibuko ababelinqwenela.

31. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.

32. Ngoko ke mabamncome ebandleni labakhe,bamdumise embizweni yamadoda amakhulu.

33. Ulojika imilambo ibe yinkangala,imithombo ibe ngumqwebedu.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107