15. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.
16. Kaloku yena uyazifohloza iingcango zesinyithi,aze azikroboze izibonda zentsimbi.
17. Bambi babencithekile ngenxa yezono zabo;ngenxa yobugwenxa babo babexhwalekile.
18. Ukutya babengasafuni nokukubona;kaloku babesebelikrobile ingcwaba.
19. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.
20. Wathetha ngelizwi, baza baphila;ewe, wabahlangula ekufeni.
21. Mabambulele uNdikhoyo ngenxa yezibele zakhe ezingatshitshiyo,nangenxa yezigigaba azenzela oonyana babantu.
22. Mabenze amadini okubulela,batsholoze bemdumisa ngemisebenzi yakhe.
23. Abanye babehamba elwandle ngeenqanawa;babephila kukurhweba elwandle.
24. Babeyibona imisebenzi emikhulu kaNdikhoyo;nditsho imimangaliso yakhe elwandle.
25. Kaloku wathetha ngelizwi, kwavel' isaqhwithi,aza ke wona amaza alatyuza.
26. Iinqanawa zaphatha kunyuka, zaphatha kuzika;ke bona abarhwebi banxuba.
27. Batatazela badidizel' okwamanxila;ewe, lalixubayele bexakiwe.
28. Ke kaloku babhenela kuNdikhoyo besengxakini,waza yena wabakhulula kwezo nkxwaleko zabo.